Luke 17:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba, kwa njengokuba umbane, obanekayo kwelinye icala pantsi kwezulu, ukanyela kwelinye icala pantsi kwezulu, woba njalo nonyana wesintu ngomhla wake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba kwanjengokuba umbane ubaneka, uphuma kwelinye icala eliphantsi kwezulu, ukhanye usingise kwelinye eliphantsi kwezulu, uya kuba njalo noNyana woMntu ngomhla wakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba kwanjengokuba umbane ubaneka, uphuma kwelinye icala eliphantsi kwezulu, ukhanye usingise kwelinye eliphantsi kwezulu; uya kuba njalo uNyana woMntu ngomhla wakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
kuba kwanjengokuba umbane usithi menye ucanda isibhakabhaka, woba njalo ngomhla wakhe uNyana woLuntu.