Luke 17:31 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kulowo umhla, oya kuba pezu kwentungo yendlu, nempahla zake endlwini, makangehli ukuya kuzisusa: nalowo usentsimini, kwa njalo makangabuyeli kokwasemva.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngaloo mini, oya kuba phezu kwendlu, zibe iimpahla zakhe zisendlwini, makangehli aye kuzithabatha. Kwangokunjalo, nosentsimini makangabuyeli kwezisemva.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaloo mini, oya kuba phezu kwendlu, zibe iimpahla zakhe zisendlwini, makangehli aye kuzithabatha; nosentsimini makangabuyeli emva.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngaloo mhla makangathi ophezu kwendlu ehle aye kuzithatha iimpahla zakhe ezisendlwini. Kwangokunjalo nosemasimini makangabuyeli kokushiyekileyo.