Luke 18:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Umfarisi wema wenje nje ukutandaza ngokwake: Tixo! ndiyakubulela ukuba ndingenjengabo abanye abantu, abapangi, abangalungileyo, abaṙexezi, ndingenjengaye nalombuti weminikelo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UmFarisi, ezimise yedwa, wayethandaza esithi, Thixo, ndiyabulela kuwe, ukuba ndingenjengabanye abantu, abaphangi, abangemalungisa, abakrexezi; ndingenjengaye nalo mbuthi werhafu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
UmFarisi, ezimise yedwa, wayethandaza esithi, Thixo, ndiyabulela kuwe, ukuba ndingenjengabanye abantu, abaphangi, abangemalungisa, abakrexezi; ndingenjengaye nalo mbuthi werhafu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ke yena umFarasi wayemi ethandaza esithi: ‘Thixo, ndiyabulela kuba ndingènjengabanye abantu, abaphangi, izikhohlakali, abakrexezi, ndingènjengaye nalo mqokeleli-rhafu.