Luke 19:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa abesixeko salo babelitiya, batuma izitunywa emva kwalo, besiti: Asivumi ukuba lo mntu abe ngukumkani pezu kwetu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke abemi bomzi wakhe babemthiyile, bathuma izigidimi emva kwakhe, besithi, Asithandi ukuba lo abe ngukumkani phezu kwethu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke abemi bomzi wakhe babemthiyile, bathumela izigidimi emva kwakhe, besithi, Asifuni ukuba lo abe ngukumkani phezu kwethu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke bona abemi belizwe laloo nkosana babeyithiyile, baza bathuma izigidimi emva kwayo, besithi: ‘Asifuni ukuba lo abe ngukumkani wethu.’