Luke 19:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwati lakuba libuyele kona, libamkele ubukumkani nje, landula laxela ukuba kubizelwe kulo izicaka ezi, elati lazinika imali leyo, ukuze lazi ukuba zizuzile nto nina ngezinye ngokwanana.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, akuba ebuyile, ebamkele ubukumkani, wathi, mababizelwe kuye abo bakhonzi abebanike imali leyo, ukuze azi ukuba unantsi urhwebe ntoni na.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi akuba ebuyile, ebamkele ubukumkani, wathi, mababizelwe kuye abo bakhonzi wayebanike imali leyo, ukuze azi ukuba unantsi urhwebe ntoni na.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Yakuba ke ibekiwe yangukumkani inkosana le, ibuyile, yaza yathi mazibizelwe kuyo ezo zicaka yayizinike imali leyo, ukuze ive kuzo ngazinye ukuba zingenise ntoni na ngokurhweba.