Luke 19:30 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
esiti: Hambani niye emzini omalungana nani; eniya kuti kuwo nakungena, nifumane iqwaṙashana libotshelelwe, ekungazanga kuhlale namnye umntu pezu kwalo: likululeni nilizise.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
wathi, Hambani niye emzaneni lo ukhangelene nani; nothi, nakungena kuwo, nifumane ithole le-esile libotshelelwe, ekungazanga kuhlale namnye umntu phezu kwalo; likhululeni nilizise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
esithi, Hambani niye emzaneni lo ukhangelene nani; nothi, nakungena kuwo, nifumane iesile libotshelelwe, ekungazanga kuhlale namnye umntu phezu kwalo; likhululeni nilizise apha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
esithi kubo: “Hambani niye kule dolophana ikhangelene nathi. Nothi ningena nje kuyo, nifumane inkonyana yedonki ibotshelelwe, ekungazange kukhwele mntu kuyo. Yikhululeni, niyizise apha.