Luke 19:44 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
zikuci̔tele emhlabeni, nosapo lwako pakati kwako; zaye zingayi kushiya pakati kwako elinye ilitye pezu kwelinye; ngenxa yokuba ubungalazanga ixesha lokunonelelwa kwako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
zikukhahlele phantsi wena, nabantwana bakho phakathi, kwakho; zingashiyi nelitye phezu kwelitye phakathi kwakho, ngenxa enokuba ungalazanga ixesha lokuvelelwa kwakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
zikukhahlele phantsi wena, nabantwana bakho phakathi kwakho; zingashiyi litye phezu kwelitye kuwe; ngokuba ungalazanga ixesha lokuvelelwa kwakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ziya kukudiliza, zibatshabalalise abakuwe, zingashiyi nalinye ilitye phezu kwelitye, ngenxa yokuba ungalazanga ixesha lokuvelelwa kwakho nguThixo.”