Luke 2:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku bona ke, bekuko umntu e‐Yerusaleme, ogama lingu‐Simone; waye umntu lowo elungile ebubedesho, elinda ulwonwabiso lwo‐Sirayeli; kanjalo umoya oyingcwele ebepezu kwake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwaye ke kukho umntu eYerusalem, ogama linguSimon; waye loo mntu elilungisa, emoyika uThixo, elinde intuthuzelo kaSirayeli;waye noMoya oyiNgcwele ephezu kwakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwabonakala kukho umntu eYerusalem, ogama linguSimon; waye loo mntu elilungisa, emoyika uThixo, elinde intuthuzelo kaSirayeli; waye noMoya oyiNgcwele ephezu kwakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
EJerusalem apho kwakukho umntu ogama linguSimon. Wayelilungisa, emhlonela uThixo, elindele ukuthuthuzelwa kwamaSirayeli, enefuthe likaMoya oyiNgcwele.