Luke 2:34 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Simone wabatamsanqelisa, wati ku‐Mariya unina: Bona ke, lo ubekelwe ukuwa nokupakama kwabaninzi kwa‐Sirayeli, nomqondiso ekupikwa nawo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
USimon wabasikelela, wathi kuMariya unina, Uyabona, lo umiselwe ukuwa nokuvuka kwabaninzi kwaSirayeli, nokuba abe ngumqondiso ochasiweyo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uSimon wabasikelela, wathi kuMariya unina, Uyabona, lo umiselwe ukuwa nokuvuka kwabaninzi kwaSirayeli; nokuba ngumqondiso ochasiweyo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
USimon wabasikelela, wathi kuMariya unina: “Uyabona, lo Mntwana umiselwe ukuwa nokuvuka kwabaninzi kwaSirayeli, nokuba abe ngumqondiso ochasiweyo,