Luke 2:44 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa beba usemhlambini wabahambi baya ihambo yosuku lunye, baza bamfuna pakati kwabalamane babo napakati kwababesazana nabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Babeba ke bona usemkhokweni wabahambi, bahamba uhambo lwamini-nye; bamana bemfuna phakathi kwemizalwana, naphakathi kwabazana nabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Babeba ke naye uphakathi kwesihlwele, bahamba uhambo lwemini enye; Baye ke bemfuna phakathi kwemizalwane nabazana nabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Babeba usemxukuxeleni wabahambi, baza bahamba uhambo lwamini-nye. Bamana bemfuna ke phakathi kwezizalwane nabazana nabo.