Luke 20:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwati ngomnye wemihla leyo, nxa ebefundisa abantu etempileni, eshumayela ivangeli, basondela abaperisite abakulu, nababa̔li, kunye nabadala,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ngenye imini, akubon ukuba uyabafundisa abantu etempileni, eshumayela iindaba ezilungileyo, wafikelwa ngababingeleli abakhulu nababhali, kunye namadoda amakhulu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi ngenye imini, akubon’ ukuba uyabafundisa abantu etempileni, eshumayela iindaba ezilungileyo, wafikelwa ngababingeleli abakhulu nababhali, namadoda amakhulu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwathi ngenye imini, uYesu efundisa abantu *endlwini kaThixo, eshumayela iindaba ezimnandi, kwafika kuye ababingeleli abaziintloko, nabachazi-mthetho, namadoda amakhulu.