Luke 20:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati ngexesha elifanelekileyo watuma kubalimi isicaka, ukuze banike kuso kwiziqa̔mo zesitiya. Kodwa abalimi basityabula, basimkisa singenanto.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ngalo ixesha elifanelekileyo, wathuma umkhonzi kubalimi, ukuba bamnike esiqhameni sesidiliya. Basuka ke bona abalimi bamtyabula, bamndulula elambatha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ngelo xesha, wathuma umkhonzi kubalimi, ukuba bamnike esiqhameni sesidiliya; ke bona abalimi bamtyabula, bamndulula elambatha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngexesha lokuvuthwa kweziqhamo wathuma isicaka kwabo balimi, ukuze bamnike eziqhameni zesidiliya eso. Basuka bona abalimi basibetha eso sicaka, semka singaphathanga nto.