Luke 20:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza abaperisite abakulu nababa̔li bafuna ukubeka izandla pezu kwake kwa ngeloxeshana, kanti boyika abantu: ngokuba bebenakene ukuba lomzekeliso wawuteta ngakubo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baza ababingeleli abakhulu nababhali bafuna ukumsa izandla ngelo lixa; boyika abantu, kuba babesazi ukuba uwuthethe esingisele kubo lo mzekeliso.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baza ababingeleli abakhulu nababhali bafuna ukumsa izandla ngelo lixa; basuka boyika abantu, kuba baqonda ukuba uwuthethe ngabo lo mzekeliso.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Baza ke abachazi-mthetho nababingeleli abaziintloko bafuna ukumbamba kwangelo lixa, kodwa babesoyika abantu, kuba babesazi ukuba uwuthethe esingise kubo lo mzekeliso.