Luke 20:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza babuzana omnye nomnye, besiti: Ukuba siti: Ezulwini; woti: Kunganina pofu ukuba anikolwanga nguye?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bacamanga ke bona bodwa, besithi, Ukuba sithe, Lwaphuma emazulwini, wothi, Ibiyini na phofu ukuba ningakholwa nguye?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bacamanga ke bona bodwa, besithi, Ukuba sithe, Lwaluphuma emazulwini; Wothi, Ibiyini na phofu ukuba ningakholwa nguye?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Baxoxa bodwa besithi: “Ukuba sithe: ‘Lwaluvela ezulwini,’ wothi: ‘Kwakutheni ke phofu ukuze ningakholwa?’