Luke 21:28 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku zakuba ezizinto ziqala ukuhla, bekani pezulu, nipakamise intloko zenu; ngokokuba kusondela ukukululwa kwenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku, zakubon ukuba ezi zinto ziyaqala ukuhla, sukani nime, niziphakamise iintloko zenu, ngenxa yokuba iyasondela inkululeko yenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku, zakubon’ ukuba ezi zinto ziyaqala ukuhla, sukani nime, niziphakamise iintloko zenu; kuba iyasondela inkululeko yenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku zakuqala ukubakho ezi zinto, yimani nkqo, niphakamise iintloko zenu, kuba isondele inkululeko yenu.”