Luke 21:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza bambuza, besiti: Mfundisi! zobako ninina pofu ezizinto? kanjalo woba yinto nina umqondiso, xeshekweni ezizinto ziza kuhla?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bambuza ke besithi, Mfundisi, ziya kubakho nini na ke ezi zinto? Uya kuba yintoni na nomqondiso, xa ngaba ezi zinto ziza kubakho?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bambuza ke besithi, Mfundisi, ziya kubakho nini na ke ezi zinto? uya kuba yintoni na umqondiso, xa ezo zinto ziya kubakho?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bambuza ke uYesu besithi: “Mfundisi, ziya kubakho nini na ezi zinto? Uya kuba yintoni na umqondiso wokuzalisekiswa kwazo?”