Luke 21:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti yena: Lumkani, ize ningakohliswa. Ngokuba abaninzi beya kuza egameni lam, besiti: Mna ndinguye; kanjalo ixesha selikufupi: zeningayi ke emva kwabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ke yena, Lumkani ningalahlekiswa; kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi, banguye uKristu; ewe, ixesha lisondele; ngoko musani ukubalandela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ke yena, Lumkani ningalahlekiswa; kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi, banguye uKristu; ixesha lisondele; musani ukubalandela ngoko.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi ke yena: “Lumkani ningalahlekiswa, kuba baninzi abaya kuza egameni lam; besithi banguye uKrestu, besithi ixesha lisondele. Ke nina ze ningabalandeli.