Luke 22:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba nguwupina omkulu? ngohleli ekutyeni, ngokonzayo, kusinina? asi ngulowo na uhleli ekutyeni? kodwa mna ndipakati kwenu njengokonzayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba nguwuphi na omkhulu: ngulowo uhleli esithebeni, ngulowo ulungiselelayo, kusini na? Asingulowo uhleli esithebeni na? Ke mna phakathi kwenu ndinjengomlungiseleli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba nguwuphi na omkhulu: ngulowo uhleli esithebeni, ngulowo ulungiselelayo, kusini na? Asinguye na ohleli esithebeni? phakathi kwenu ndinjengomlungiseleli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nguwuphi na kakade omkhulu: ngulowo uhleli etafileni, nokuba ngulowo uzisa ukutya etafileni? Asingulowo uhleli etafileni na? Ke mna phakathi kwenu ndinjengesicaka.