Luke 22:47 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku nxa abesateta, nasi isihlwele ke; nalowo kutiwa ungu‐Jude, owabalishumi linababini, ebehamba pambi kwabo, wasondela ku‐Yesu ukuza kumanga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku, akubon ukuba usathetha, kwathi gqi indimbane, waye nalowo kuthiwa nguYuda, omnye weshumi elinababini, ehamba phambi kwabo; wasondela kuYesu eza kumanga.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi, esathetha, kwathi gqi indimbane, waye nalowo kuthiwa nguYuda, omnye weshumi elinababini, ehamba phambi kwabo; wasondela kuYesu eza kumanga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYesu esathandaza, kwathi gqi indimbane, ikhokelwa nguJudas, ongomnye wabafundi abalishumi elinambini. Yena wasondela kuYesu ukuba amange.