Luke 23:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wati kubo: Nimzisile kum umntu lo, njengokuba engosongayo abantu; kekaloku bona ke, ndimbuzile ebusweni benu nje, andifumananga tyala kulomntu, ngezozinto nimnika ityala ngazo:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
wathi kubo, Nizise kum lo mntu, ngathi ngophambukisa abantu; niyabona ke, ndimncinile mna emehlweni enu, andafumana tyala kulo mntu, kwezo zinto nimmangalele ngazo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
wathi kubo, Nizise kum lo mntu, ngathi ngophambukisa abantu; niyabona ke, ndimncinile mna phambi kwenu, andafumana tyala kulo mntu, kwezo zinto nimmangalele ngazo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
wathi kubo: “Nizise lo mntu kum nisithi udungadunga abantu. Ke ndimncinile phambi kwenu, ndaza andafumana tyala kuye kwezo zinto nimmangalela ngazo.