Luke 23:35 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku bebemi abantu bebonela. Baza bamsinekela, kwa nabapati kunye nabo, besiti: Wabasindisa abanye, makazisindise yena ngokwake, ukuba lo unguye u‐Kristu, umqashwa katixo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baye bemi abantu bebonela. Babemsinekela ke nabaphathi bamaYuda kunye nabo, besithi, Wabasindisa abanye;makazisindise, ukuba lo unguye uKristu, umnyulwa kaThixo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baye bemi abantu bebonela. Babemsinekela ke nabaphathi bamaYuda kunye nabo, besithi, Wabasindisa abanye; makazisindise, ukuba unguye uKristu, umnyulwa kaThixo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abantu babebonela, abaphathi bamaJuda bemgculela, besithi: “Wabasindisa abanye; makazisindise ke naye, ukuba unguye *uKrestu, umnyulwa kaThixo.”