Luke 23:44 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yanga yayiyure yesitandatu, kwaza kwabako ubumnyama pezu kwalo lonke ilizwe yada yayiyure yesitoba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku, kwakumalunga nelixa lesithandathu, kwaza kwakho ubumnyama phezu kwawo umhlaba uphela, kwada kwaba lilixa lesithoba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku, kwakumalunga nelixa lesithandathu, kwaza kwakho ubumnyama phezu kwawo umhlaba uphela, kwada kwalilixa lesithoba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku kwakumalunga nentsimbi yeshumi elinambini emini, laza lasuka latshona emini ilanga, kwaba mnyama phezu kwawo wonke umhlaba, kwada kwayintsimbi yesithathu emva kwemini.