Luke 24:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati kubo: Zipina? Bati bona kuye: Ezingaye u‐Yesu wase‐Nazarete, obengumprofite, enamandla ekwenzeni nasekuteteni ebusweni bukatixo nabo bonke abantu:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi kubo, Ziphi na? Bathi ke bona kuye, EzingoYesu waseNazarete, obeyindoda engumprofeti, enobunkunkqele ekwenzeni nasekuthetheni, phambi koThixo nabo bonke abantu;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kubo, Ziphi na? Bathi ke bona kuye, EzingoYesu waseNazarete, obeyindoda engumprofeti, enobunkunkqele ekwenzeni nasekuthetheni, phambi koThixo nabo bonke abantu;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi kubo: “Zinto zini na?” Bathi bona kuye: “Ezo zingoYesu waseNazarete, *owayengumshumayeli onamandla amakhulu ekwenzeni imiqondiso nasekuthetheni, engqinelwa nguThixo nangabo bonke abantu.