Luke 3:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwambuza namasodati, esiti: Nati siya kwenza nto nina? Waza wati kuwo: Ningapangi mntu, ningalumkisi mntu kanjako; ize nitomalale kukuvuzwa kwenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ayebuza kuye ke namasoldati, esithi, Masenze ntoni na ke thina? Wathi kuwo, Ningaphangi mntu ngokumoyikisa, ningadli mntu ngokumtyhola; yanelani yimivuzo yenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ayebuza kuye ke namasoldati, esithi, Masenze ntoni na ke thina? Wathi kubo, Musani ukungcangcazelisa mntu, ningadli mntu; yanelani ngumvuzo wenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Namajoni ayebuza kuye esithi: “Masithini thina?” Wathi kuwo: “Ningaphangi mntu ngogonyamelo okanye ngobuxoki. Yanelani yimivuzo yenu.”