Luke 3:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wapendula u‐Johane kwa kubo bonke, esiti: Mna okunene ndiyanibapitizesha ngamanzi; kodwa uyeza onamandla amakulu kwawam, endingafanelekile ukuba ndiwutukulule umtya wezihlangu zake; yena wonibapitizesha ngomoya oyingcwele nangomlilo:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
waphendula uYohane kubo bonke esithi, Mna okunene ndinibhaptiza ngamanzi; kodwa uyeza lowo unamandla kunam, endingafanelekileyo ukuba ndiwuthukulule nomtya weembadada zakhe; uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele nangomlilo yena;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphendula uYohane wathi kubo bonke, Mna okunene ndinibhaptiza ngamanzi; kodwa uyeza lowo unamandla kunam, endingafanelekileyo ukuba ndiwuthukulule nomtya weembadada zakhe: uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele nangomlilo yena;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYohane ke wabaphendula esithi: “Mna okunene ndinibhaptiza ngamanzi, kodwa uyeza onamandla kunam. Andikufanelanga ukukhulula nemitya le yezihlangu zakhe. Yena uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele nangomlilo.