Luke 3:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wehla umoya oyingcwele ngokubonakala okungumzimbaṙa njengehobe pezu kwake, leza nelizwi livela ezulwini, lisiti: Wena ungunyana wam otandiweyo, ndikolisiwe kakuhle nguwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
wehla phezu kwakhe uMoya oyiNgcwele, enembonakalo yomzimba onjengehobe. Kweza nezwi eliphuma ezulwini lisithi, Wena unguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wehla phezu kwakhe uMoya oyiNgcwele, enembonakalo yehobe, kweza nezwi eliphuma ezulwini, lisithi, Wena unguNyana wam oyintanda; Ndikholiswa nguwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
wehlela phezu kwakhe uMoya oyiNgcwele enembonakalo yehobe. Kwavakala nezwi livela ezulwini, lisithi: “UnguNyana wam endimthandayo wena; ndikholisiwe nguwe!”