Luke 4:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wafika e‐Nazarete, apo abe ondlelwe kona: wati kekaloku, njengokuba belinjalo isiko lake, wangena endlwini yentlanganiso ngomhla wesabata, wesuka wema ukuba aleseshe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wafika eNazarete, apho waye ondlelwe khona, wangena ngokwesiko lakhe ngomhla wesabatha endlwini yesikhungu, wesuka wema ukuba alese.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Weza kufika eNazarete, apho wayekhulele khona, wathi ngokwesiko lakhe ngomhla wesabatha, wangena endlwini yesikhungu, wesuka wema ukuba alese.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYesu ke waya kufika eNazarete, apho wayekhulele khona, wathi ngokwesiqhelo sakhe wangena *endlwini yesikhungo *ngoMhla wokuPhumla. Waphakama ke ukuba afunde;