Luke 4:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati kubo: Nowuteta kum kambe lomzekeliswana wokuti: Gqir̔a! zipilise: konke esivileyo ukuba kwenziwe e‐Kapenayume, kwenze nalapa emzini wakowenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi kubo, Kakade niya kuwuthetha kum lo mzekeliso uthi, Gqirha, ziphilise; okungangoko sikuve kwenzeke eKapernahum, kwenze nakowenu apha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kubo, Kakade niya kuwuthetha kum lo mzekeliso uthi, Gqirha, ziphilise; okungangoko sikuve kwenzeke eKapernahum, kwenze nakowenu apha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYesu ke wathi kubo: “Eneneni niya kulibhekisa kum eli qhalo lithi: ‘Gqirha, ziphilise;’ nize nithi: ‘Nakowenu apha yenza okungangoko sive ukuba ukwenzile eKapernahum.’ ” Wathi ke: