Luke 4:36 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bahlelwa kukuti nqa ke bonke, batetana omnye nomnye, besiti: Lelanina ilizwi eli, ukuba ebayalela omoya abanco̔lileyo ngegunya nangamandla, bapume ke?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Besuka bathi qhiphu umbilini bonke, baye bethetha bodwa besithi, Lilizwi lini na eli, le nto abathethela ngegunya nangamandla oomoya abangcolileyo aba, baze baphume?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bakhwankqiswa ke bonke, bathetha bodwa, besithi, Lilizwi lini na eli? kuba ubathethela ngegunya nangamandla oomoya abangcolileyo aba, baze baphume.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bamangaliswa bonke abantu, babuzana besithi: “He bethu, mhlola mni lo? Lo mntu ukhalima nje ngelizwi, zitsho ziphume iindimoni!”