Luke 4:41 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo nedemoni zapuma kubaninzi, zidanduluka, zisiti nokuti: Wena unguye u‐Kristu, unyana katixo. Waza wati ezitetisa akazivumela ukuba zitete, ngokuba zibe zimazi ukuba unguye u‐Kristu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zaye ke needemon ziphuma kwabaninzi, zikhala zisithi, Wena unguye uKristu, uNyana kaThixo. Uthe ezikhalimela, akazivumela ukuba zithethe; ngokuba bezimazi ukuba unguye uKristu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zaye ke neendimoni ziphuma kwabaninzi, zikhala zisithi, Wena unguye uKristu, uNyana kaThixo. Uthe ezikhalimela, akazivumela ukuba zithethe; kuba bezimazi ukuba unguye uKristu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Neendimoni zaziphuma kwabaninzi, zikhala zisithi: “Wena unguye uNyana kaThixo.” Wayezikhalimela iindimoni ezo, engazivumeli ukuba zithethe, kuba zazisazi ukuba yena unguye *uKrestu.