Luke 5:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KWAYE kute xeshekweni isihlwele sibe simxingisa ukuza kuva ilizwi likatixo, ebemi yena ngaselwandlana lwe‐Genesarete,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku kuthe, ekubeni zimxinile izihlwele, ziza kuva ilizwi likaThixo, wesuka wema ngasedikeni laseGenesarete.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku kwathi, zakubon’ ukuba simxinile abantu, ukuba balive ilizwi likaThixo, wesuka wema ngasedikeni laseGenesarete.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uYesu xa wayemi ngakuLwandle lwaseGenesarete, izihlwele zimxinile, zisiza kuva ilizwi likaThixo,