Luke 5:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwati ngemini etile, nxa abefundisa yena, babe behleli kona abafarisi nabafundisimteto, abebevele kuyo yonke imizi yase‐Galili, nase‐Judeya, nase‐Yerusaleme: kanjalo amandla enkosi ebeko ukubapilisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ke ngamini ithile wafundisa. Kwaye kuhleli abaFarisi nabafundisi-mthetho, ababephume kuyo yonke imizana yelaseGalili, neyelakwaYuda, naseYerusalem; aye ekho amandla eNkosi ukuba abaphilise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku kwathi ngamini ithile wafundisa, kuhleli abaFarisi nabafundisi-mthetho, ababephume kuyo yonke imizana yelaseGalili, nelakwaYuda, naseYerusalem; ekhoyo ukubaphilisa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwathi ngamini ithile uYesu efundisa, kwafika *abaFarasi nabachazi-mthetho, bephuma kuzo zonke iindolophu zelaseGalili nelakwaJuda, naseJerusalem. Amandla eNkosi ayekho kuye, ephilisa.