Luke 5:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kodwa ukuze nazi ukuba unyana wesintu unegunya emhlabeni ukuxolela izono, (wati konesifo sokushwabanisa:) nditi kuwe: Suka, upate uku̔ko lwako, uye endlwini yako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ukuze nazi, ukuba unalo igunya uNyana woMntu lokuxolela izono emhlabeni apha (selesithi konedumbe), ndithi kuwe, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uye endlwini yakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke ukuze nazi, ukuba unalo igunya uNyana woMntu lokuxolela izono emhlabeni apha (selesithi konedumbe), Ndithi kuwe, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uye endlwini yakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ukuze nazi ukuba yena *uNyana woLuntu unalo igunya lokuxolela izono emhlabeni apha – úthi kofe umzimba – ndithi kuwe: ‘Vuka, uthathe ukhuko lwakho, uhambe ugoduke!’ ”