Luke 5:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati engene kwenye yenqanawa, kuleyo ebiyeka‐Simone, wamtandaza ukuba makaqu̔be emhlabeni kube mganyana: waza wahlala pantsi, wafundisa izihlwele esenqanaweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ke, engene komnye umkhombe, owawungokaSimon, wamcela ukuba akhe akhwelelise kancinane emhlabeni; waza, ehleli phantsi, wamana ezifundisa izihlwele esemkhombeni apho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uthe ke uYesu, engene komnye umkhombe, owawungokaSimon, wamcela ukuba awuke akhwelise kancinane emhlabeni. Wahlala phantsi, wabafundisa abantu emkhombeni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi ke, engene kwesinye isikhitshana esasisesikaSimon, wamcela ukuba akhe ashenxe kancinane elunxwemeni. UYesu ke wazifundisa izihlwele ehleli esikhitshaneni.