Luke 5:37 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo akuko mntu uta̔ iveyine entsha ezintsubeni ezindala; okanye, iveyine entsha yozigqoboza intsuba, ize ipalale yona, zitshabalale nentsuba;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kanjalo akukho utha iwayini entsha ezintsubeni ezindala;okanye yozigqabhuza iintsuba iwayini entsha, iphalale yona, zitshabalale neentsuba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kananjalo akukho mntu uyitha kwiimvaba ezindala iwayini entsha engekabili; okanye iwayini, leyo intsha, yozigqabhuza iintsuba, iphalale iwayini, zitshabalale neentsuba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kananjalo akukho mntu uyitha kwiimvaba ezindala iwayini entsha engekabili; kuba, ukuba uthe wenjenjalo, iwayini leyo yobila, izigqabhuze iimvaba, ichitheke, zonakale nezo mvaba.