Luke 6:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Yesu wapendula kubo, wati: Anike nileseshe oku na, owakwenzayo u‐Davide, okuya wabelambile yena nabo babenaye;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabaphendula uYesu wathi, Anikhanga nikulese na oko wakwenzayo uDavide, mhlenikweni walambayo, yena nabo babenaye?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabaphendula uYesu wathi, Aniyilesanga na into awayenzayo uDavide, xa walambayo, yena nabo babenaye?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waphendula uYesu wathi: “Anizange nikufunde na oko wakwenzayo uDavide mhla walamba yena neqela lakhe?