Luke 6:35 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa tandani intshaba zenu, nenze okulungileyo, niboleke ningatembi ukuba nobuya namkele nto; waye umvuzo wenu uya kuba mkulu, nani niya kuba ngonyana bopezu kwonke: ngokuba yena enobubele kwabo bangabuleliyo nabakohlakeleyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke nina, zithandeni iintshaba zenu, nenze okulungileyo;niboleke ningathembe lutho. Woba mkhulu ke umvuzo wenu, nize nibe ngoonyana bOsenyangweni; ngokuba yena enobubele kwabangabuleliyo nabangendawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke nina, zithandeni iintshaba zenu, nenze okulungileyo; niboleke ningathembe lutho. Woba mkhulu ke umvuzo wenu, nize nibe ngoonyana bOsenyangweni; ngokuba yena enobubele kwabangabuleliyo nabangendawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke nina, zithandeni iintshaba zenu, nenze okulungileyo; niboleke ningathembanga mbuyiselo. Woba mkhulu ke umvuzo wenu, nibe ngoonyana bakaThixo uPhezukonke, kuba yena unobubele kwabangabuleliyo nabakhohlakeleyo.