Luke 6:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
okokuba wangena endlwini katixo, watabata izonka zokubonakala, waza watya, wanika nabo babenaye kanjalo, ekungafanelekile ukuba zityiwe, kupela ngabaperisite bodwa?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Okokuba wangena endlwini kaThixo, wazithabatha izonka ezibekwe phambi koThixo, wazidla, wanika nabo babenaye, ezo ke kungavumelekileyo ukuba zidliwe bantu, ingengabo ababingeleli bodwa?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Okokuba wangena endlwini kaThixo, wazithabatha izonka ezibekwa phambi koThixo, wazidla, wanika nabo babenaye, ekungavumelekileyo ukuba zidliwe, ingengabo ababingeleli bodwa?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku wangena *endlwini kaThixo, wazithatha wazitya izonka ezazinikelwe kuThixo, wanika neqela lakhe. Kanti ke ngokomthetho ezo zonka azimelwe kutyiwa ngabangengobabingeleli.”