Luke 6:44 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngokuba yonke imiti ngeminye isaziwa ngezayo iziqa̔mo; ngokuba kungakiwa makiwane emingeni, kanjalo kungavunwa dreyive emtolweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba umthi wonke waziwa ngesiqhamo sawo; kuba kungakhiwa makhiwane emithaneni enameva, kanjalo kungabuthwa diliya equnubeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba wonke umthi waziwa ngesiqhamo sawo. Kuba abantu abawakhi makhiwane emithaneni enameva, bangakhi zidiliya etyholweni;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku umthi wonke waziwa ngeziqhamo zawo. Amakhiwane akakhiwa emngeni; kananjalo iidiliya azivunwa elubobeni.