Luke 6:45 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Umntu olungileyo kwimbekelo elungileyo yentliziyo yake uyavelisa okulungileyo; nomntu okohlakeleyo kwimbekelo ekohlakeleyo yentliziyo yake uyavelisa okukohlakeleyo: ngokuba umlomo wake uteta okuvela ekupupumeni kwentliziyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umntu olungileyo, ebuncwaneni obulungileyo bentliziyo yakhe, uvelisa oko kulungileyo; nomntu okhohlakeleyo, ebuncwaneni obukhohlakeleyo bentliziyo yakhe, uvelisa oko kukhohlakeleyo; kuba umlomo wakhe uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umntu olungileyo, ebuncwaneni obulungileyo bentliziyo yakhe, uvelisa oko kulungileyo; nomntu okhohlakeleyo, ebuncwaneni obukhohlakeleyo bentliziyo yakhe, uvelisa oko kukhohlakeleyo; kuba umlomo wakhe uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umntu olungileyo uvelisa ukulunga okuphuma entliziyweni yakhe. Ke okhohlakeleyo uvelisa inkohlakalo ephuma entliziyweni yakhe. Kaloku loo nto intliziyo iphuphuma yiyo iphuma ngomlomo.”