Luke 6:48 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ufana nomntu obesaka indlu, owemba wangxoka, wabeka umsekelo elulwalweni: kwati kwakubako ukukukula kwamanzi, umsinga watyobozela ngakulondlu, kanti awaba nako ukuyishukumisa; ngokuba ibisekelwe elulwalweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ufana nomntu owakha indlu, wemba wangxoka isiseko, wasibeka phezu kolwalwa. Kwathi, kwakubakho umkhukula, wagaleleka kuloo ndlu umlambo, awaba nako ukuyishukumisa; kuba ibisekwe phezu kolwalwa olo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ufana nomntu owakha indlu, wemba nzulu, wabeka isiseko phezu kolwalwa. Kwathi ke, kwakubakho unogumbe, wagaleleka kuloo ndlu umlambo, awaba nako ukuyishukumisa;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ufana nomntu owayesakha indlu, waza wemba ngokunzulu, wenza isiseko samatye. Kwathi ke, kwakubakho isikhukula iimpuphuma zagaleleka kuloo ndlu, zaza azaba nako ukuyishukumisa, kuba yayakhiwe ngokufanelekileyo.