Luke 6:49 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa owevayo, engenzanga ke, ufana nomntu owaka indlu emhlabeni ingenawo umsekelo: owati umsinga watyobozela ngakuyo; yasuka yawa; kwaye kukulu ke ukuci̔takala kwalondlu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kodwa lo uwevileyo akawenza, ufana nomntu owakhe indlu phezu komhlaba, kungekho siseko; wagaleleka kuyo umlambo, yawa kwaoko; kwathi ukuwa kwaloo ndlu kwakukhulu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa lo uwevileyo akawenza, ufana nomntu owakhe indlu phezu komhlaba, kungekho siseko; wagaleleka kuyo umlambo, yawa kwaoko; kwaba kukhulu ukuwa kwaloo ndlu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa owavileyo amazwi am waza akawenza, yena ufana nomntu owakhe indlu phezu komhlaba, kungekho siseko. Kwathi ke, zakugaleleka kuyo iimpuphuma, yawa kwangoko, yadilika didli!”