Luke 6:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa yena ebesazi izicamango zabo, wati emntwini obenesandla esishwabeneyo: Suka, ume pakati. Usukile ke wema.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kodwa yena ebezazi izicamango zabo, wathi kuloo mntu usandla somileyo, Phakama, umele phakathi. Usukile ke wema.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa yena ezazi iingcamango zabo, wathi kuloo mntu unesandla esomileyo, Phakama, umele phakathi. Uye waphakama wema.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYesu ke wayezazi iingcamango zabo, waza wathi kuloo mntu wayome isandla: “Phakama, uze ngaphambili.” Waphakama ke, wema apho.