Luke 7:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku xeshekweni ebesondela esangweni lesixeko, bona ke, bekutwalelwa pandle umntu ofileyo, ekupela kwomntwana wonina, naye yena ebengumhlolokazi: saye sinaye isihlwele esikulu sasesixekweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku, akusondela esangweni lomzi lowo, kwabonakala kuthwalelwa phandle umntu ofileyo, ekuphela konyana ozalwa ngunina; waye yena engumhlolokazi. Yaye nendimbane elingeneyo yomzi inaye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku, akusondela esangweni lomzi lowo, kwabonakala kuthwalelwa phandle umntu ofileyo, ekuphela konyana ozalwa ngunina; waye yena engumhlolokazi. Yaye nendimbane elingeneyo yomzi inaye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku, akusondela esangweni ledolophu leyo, nako kuthwalelwa phandle umntu ofileyo. Umfi lowo wayekuphela konyana womhlolokazi. Loo mhlolokazi wayephelekwe yindimbane enkulu yasedolophini apho.