Luke 7:37 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati, bona ke, umfazi wasesixekweni, obengumoni, akuqonda ukuba uhleli ekutyeni endlwini yomfarisi lowo, wazisa iqaka leyalabastere linamafuta mnandi,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwabonakala kukho mfazi emzini apho, obengumoni; wathi, akwazi ukuba uhleli endlwini yomFarisi, wazisa ihlala lelabhastile, linamafutha aqholiweyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwabonakala kukho mfazi emzini apho, obengumoni, esazi ukuba uYesu uhleli endlwini yomFarisi lowo, wazisa ihlala lelabhastile, linamafutha aqholiweyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kuloo dolophu kwakukho umfazi *owayengumoni, owathi, akuva ukuba uYesu usendlwini yomFarasi lowo, weza ephethe iqhaga lelitye lelabhastile, linamafutha aqholiweyo.