Luke 7:39 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku umfarisi obemmemile, akubona oko, wateta pakati kwake, esiti: Lo, ukuba ebengumprofite, ngeeba esazi ukuba ungubanina nokuba ungonjanina lomfazi umcu̔kumisayo; ngokuba engumoni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akukubona ke oko umFarisi lowo ubembizile, wathetha ngaphakathi kwakhe, esithi, Lo mntu, ukuba ube engumprofeti, ange esazi ukuba ngumfazi ongubani na, oluhlobo luni na, lo umchukumisayo; ngokuba ungumoni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akukubona ke oko umFarisi lowo ubembizile, wathetha ngaphakathi kwakhe, esithi, Lo mntu, ukuba ube engumprofeti, ange esazi ukuba ngumfazi ongubani na, oluhlobo luni na, lo umchukumisayo; ngokuba ungumoni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akukubona oko umFarasi lowo wayememe uYesu, uthethe yedwa esithi: “Ukuba lo mntu *ebengumshumayeli, ngesazi ukuba ngubani, eluhlobo luni na, lo mfazi umchukumisayo; kuba ungumoni.”