Luke 7:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Yesu wahamba nabo. Wati akuba engekabi kude endlwini, inkosikulu yatuma izihlobo kuye, isiti kuye: Nkosi! ungakatazeki; ngokuba ndingafanelekile ukuba ungene ngapantsi kwentungo yendlu yam:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wahamba ke uYesu nabo. Akubon ukuba ke akasekude endlwini, umthetheli-khulu wathuma izihlobo kuye, esithi kuye, Nkosi, ungazikhathazi, kuba andikulingene ukuba ungade ungene phantsi kophahla lwam;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wahamba ke uYesu nabo. Akubon’ ukuba ke akasekude endlwini, umthetheli-khulu wathuma izihlobo kuye, esithi kuye, Nkosi, ungazikhathazi, kuba andikulingene ukuba ungade ungene phantsi kophahla lwam;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYesu wahamba nabo. Kwathi ke xa akufuphi nomzi lowo, umphathi-butho wathumela kuye ngezihlobo, esithi: “Nkosi ungàzikhathazi, kuba andifanelekanga ukuba ungade ungene endlwini yam.