Luke 7:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba nam ndingumntu omiswayo pantsi kwegunya labanye, ndinamasodati pantsi kwam; nditi ke kwelinye: Yiya! liye; nakwelinye: Yiza! lize; nakwisicaka sam: Yenza oku! senze ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kuba nam ndingumntu omiswe phantsi kwegunya labanye, ndinamasoldati aphantsi kwam; ndithi kweli, Yiya, liye;kweliya, Yiza, lize; kumkhonzi wam, Yenza oku, akwenze.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba nam ndingumntu omiswe phantsi kwegunya labanye, ndinamasoldati aphantsi kwam; ndithi kweli, Yiya, liye; ndithi kweliya, Yiza, lize; nakumkhonzi wam, Yenza oku, akwenze.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nam ndingumntu obekwe phantsi kwegunya, kwaye ndinamajoni aphantsi kwam: kweli ndithi: ‘Yiya,’ liye; kweliya: ‘Yiza,’ lize; kwisicaka sam: ‘Yenza oku,’ sikwenze.”