Luke 8:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti: Kunikiwe nina ukwazi imfihlakalo zobukumkani bukatixo: kodwa abanye kutetwa kubo ngemizekeliso; ukuze bati bebona nje, bangaboni; bati kanjalo besiva nje, bangaqondi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uthe ke yena, Nikuphiwe nina ukuzazi iimfihlelo zobukumkani bukaThixo; ke kwabanye bona kungemizekeliso, ukuze bebona nje bangaboni, besiva nje bangaqondi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uthe ke yena, Nikuphiwe nina ukuzazi iimfihlelo zobukumkani bukaThixo; ukuze bebona nje bangaboni, besiva nje bangaqondi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi ke yena: “Nikuphiwe nina okokuba nizazi iimfihlelo ezingolawulo lukaThixo, kodwa abo bangakuphiwanga baziva ngemizekeliso nje, ukuze, njengoko zitshoyo iziBhalo ukuthi: “ ‘Bebona nje, bangaboni; besiva nje, bangaqondi.’”