Luke 8:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute ngemini etile, wangena yena enqanaweni, kwa nabadisipile bake; waza wati kubo: Masiwele siye kwelingapesheya icala lolwandlana, banduluka ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ngamhla uthile, waya kungena emkhombeni kwanabafundi bakhe, wathi kubo, Masiwele, siye ngaphesheya kwedike;banduluka ke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi ngamhla uthile, wangena emkhombeni, kwanabafundi bakhe, wathi kubo, Masiwele siye ngaphesheya kolwandle. Banduluka ke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwathi ngamhla uthile uYesu waya kukhwela esikhitshaneni kuLwandle lwaseGalili. Babekho nabafundi bakhe, waza wathi kubo: “Masiwele siye ngaphesheya.” Banduluka ke.